Kwabaseroma 15:21-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. kube njengokuba kubhaliwe, kwathiwa,Abo bangabikelwanga nto ngaye, baya kubona;Nabo bangevanga nto, baya kuqonda.(UIsaya 52:15)

22. Kungoko ndabanjezelwayo nokubanjezelwa futhi, ukuba ndingafiki kuni.

23. Ngoku ke ndĂ­ngasenandawo nje kule mimandla, ndĂ­neminyaka ke emininzi ndilangazelela ukuza kuni,

24. xa ndihambela kwelaseSpani, ndoza kuni; kuba ndithemba ukunibona xa ndicandayo kuni, nokuphelekelelwa nini ukuya khona, ukuba ndithe kuqala ndakha ndadlelana nani ngokwaneleyo.

25. Kalokunje ke ndisinga eYerusalem, ndisiya kulungiselela abangcwele.

26. Kuba kwakholeka kwabelaseMakedoni nabelaseAkaya, ukuba badlelane namahlwempu abo bangcwele baseYerusalem ngokuwupha okuthile.

27. Ndithi kwakholeka kubo, kuba kakade banetyala kubo. Kuba iintlanga, xa zadlelanayo nabo ngezinto zabo ezizezomoya, zifanele ukubabusela ngezizezenyama.

28. Ngoko, ndakuba ndikufinyezile oko, ndasinqabisela kubo eso siqhamo, ndobuya ngani ukuya kwelaseSpani.

29. Ndiyazi ke ukuba ndothi, ndakuza kuni, ndize ndinentsikelelo ezalisekileyo yeendaba ezilungileyo zikaKristu.

Kwabaseroma 15