Izililo 2:12-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Bamana ukuthi koonina, Iphi na ingqolowa newayini?Ekutyhafeni kwabo njengabangxwelerhiweyo ezitratweni zomzi,Ekuziphalazeni kwemiphefumlo yabo esifubeni sonina.

13. Ndíkungqinele, ngantoni na? Ndíkufànekise nantoni na, ntombi yaseYerusalem?Ndíkulingànise nantoni na, ukuze ndikuthuthuzele, ntombindini iyintombi, inguZiyon?Ngokuba kukhulu ngangolwandle ukwaphuka kwakho; ngubani na onokukuphilisa?

14. Abaprofeti bakho bakubonele imibono yento engento nejavujavu;Àbabutyhila ubugwenxa bakho, ukuba kubuyiswe ukuthinjwa kwakho;Bakubonéle imibono ezizihlabo ezingezizo, nezokugxothwa.

15. Bàbetha izandla ngawe bonke abadlula ngendlela;Benza umsondlo, bahlunguzele iintloko ngentombi enguYerusalem, besithi,Nguló mzi na, lo kuthiwa kuphela kwenzwakazi, yimihlali yehlabathi lonke?

16. Zonke iintshaba zakho zikwakhamisela umlomo;Zenza umsondlo, zitshixizela amazinyo; zithi, Siyiginyile;Inene, yiyo le imini ebe siyithembile; siyifumene, siyibonile.

Izililo 2