1. Yoo! Uhleli wodwa, umzi obantu baye bebaninzi;Obe umkhulu ezintlangeniUsuke waba njengomhlolokazi; umthethelikazi emazweniUsuke waba ngofakwa uviko.
2. Ulila elilile ebusuku, iinyembezi zakhe zisezidleleni zakhe;Akanamthuthuzeli kuzo zonke izithandane zakhe;Onke amakholwane akhe ammenezelele,Aba lutshaba kuye.
3. UYuda uye ekuthinjweni, ephuma ezintsizini nasezinkonzweni ezininzi;Yena uhleli ezintlangeni, akafumani kuphumla;Bonke abamsukelayo bamfikele ezingxingongweni.
4. Iindlela zaseZiyon zenza isijwili, ngokungabikho kwabayà emithendelekweni;Onke amasango ayo akanamntu, ababingeleli bayo bayancwina;Iintombi zayo zinosizi, yona ke kukrakra kuyo.
5. Ababandezeli bayo basuka bayintloko; iintshaba zayo zinobunqobo;Ngokuba uYehova uyenzé yanosizi ngenxa yokreqo lwayo oluninzi;Abantwana bayo bemkile, bathinjiwe, baqhutywa ngumbandezeli.
6. Buphumile entombini enguZiyon bonke ubungangamsha bayo;Abathetheli bayo baba njengamaxhama angafumani dlelo,Ahamba engenamandla phambi komsukeli.
7. IYerusalem iyazikhumbula, ngemini yeentsizi zayo neyokudinga kwayo,Zonke izinto zayo ezinqwenelekayo ebinazo kwakwiimini zamandulo,Ekuweni kwabantu bayo esandleni sombandezeli, ingenamncedi;Ababandezeli bayo báyibona, bakúhleka ukucinywa kwayo.
8. IYerusalem asikuko nokuba yonile yona; ngenxa yoko yaba lubhorha;Bonke ababeyizukisa bayayicukuceza, ngokuba baboné ubuzé bayo;Nayo ngokwayo iyancwina, ibuye umva.
9. Ubunqambi bayo busezingutyeni zayo ezirhuqayo, ayilikhumbulelanga ikamva layo;Yehla ke ngokubalulekileyo; ayinamthuthuzeli;Ithi, Zikhangele, Yehova, iintsizi zam; ngokuba utshaba luzikhulisile.
10. Umbandezeli usolule isandla sakhe phezu kwezinto zayo zonke ezinqwenelekayo;Kuba ibona iintlanga zingené engcweleni yayo,Owawuwise umthetho wena, ukuba zingangeni ebandleni lakho.
11. Bonke abantu bayo bayancwina, befuna isonka;Barholé izinto zabo ezinqwenelekayo ngenxa yesonka, ukuze bawubuyise umphefumlo;Bóna, Yehova, ukhangele, ukuba ndisuke ndacukucezeka.
12. Akunto na oku kuni nonke, nina nidlula ngendlela?Bhekani nibone, ukuba kukho na umvandedwa onjengomvandedwa wam, endiwenziweyo,Athe uYehova wandenza lusizi ngemini yokuvutha komsindo wakhe.
13. Engaphezulu, uthumé umlilo emathanjeni am, wawanyathela;Uzanekele umnatha iinyawo zam, wandibuyisa umva;Undenzé inxuwa, yonke imini ndityhafile.
14. Idyokhwe yezikreqo zam ibotshwe sisandla sakhe;Zibhijelene, zenyuka zaba semqaleni wam, zawakhubekisa amandla am;INkosi yam indinikele ezandleni zabo ndingenakumisa kubo.
15. INkosi yam izitshitshisile zonke iimbalasane zam eziphakathi kwam;Indimemele umthendeleko, ukuba yaphule amadodana am.INkosi yam ixovule inkazana enguYuda, ngokungathi kusesixovulweni sewayini.
16. Ngenxa yezo zinto ndiyalila; iliso lam, iliso lam lihla amanzi,Ngokuba ekude kum umthuthuzeli, umbuyisi womphefumlo wam;Baziimpanza abantwana bam, ngokuba utshaba lwam lundoyisile.
17. IZiyon iyazolula izandla zayo, ayinamthuthuzeli;UYehova ubawisele umthetho ngoYakobhi, ukuba ababandezeli bakhe bamngqonge;IYerusalem iyinto elubhorha phakathi kwabo.