5. Wazala umntwana oyinkwenkwe, oza kuzalúsa zonke iintlanga ngentonga yentsimbi; umntwana wakhe lowo wathiwa xwi, wasiwa kuye uThixo, nakuyo itrone yakhe.
6. Wathi umfazi wasabela entlango, apho ikhona indawo ayilungiselwe nguThixo, ukuze bamnqake khona imihla eliwaka elinamakhulu mabini anamanci mathandathu.
7. Kwaza kwabakho imfazwe emazulwini, uMikayeli nezithunywa zakhe besilwa nenamba, inamba nezithunywa zayo zisilwa;
8. àzaba nakweyisa, kanjalo ayaba safunyanwa indawo yazo emazulwini.
9. Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; yaphoswa emhlabeni, nezithunywa zayo zaphoswa kunye nayo.