14. Ndiyazi ke ukuba yonke into aya kuyenza uThixo, yiyo eya kuba ngonaphakade; kungòngezwa nto kuyo, kungàcatshulwa nto kuyo; uThixo ukwenzela ukuba koyikwe ebusweni bakhe.
15. Le nto ikhoyo ibiselikho kade; nento eya kubakho ibiselikho kade. UThixo ke ubuya ayifune into egxothiweyo.
16. Ndabuya ndabona phantsi kwelanga indawo yokugweba, ukuba okungendawo kukhona; nendawo yobulungisa, ukuba okungendawo kukhona.
17. Ndathi mna entliziyweni yam, Nolilungisa nongendawo, uThixo uya kulithetha ityala labo; ngokuba umise ixesha layo yonke imicimbi, nazo zonke izenzo.
18. Ndathi mna entliziyweni yam, Kungenxa yoonyana babantu, ukuze uThixo abahlèle, nokuze bazibone benjengeenkomo bona ngokwabo.