Ingoma Yazo Iingoma 3:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Esililini sam ebusuku ndamfuna lowo uthandwa ngumphefumlo wam;Ndamfuna andamfumana.

2. Ndathi, Ndokha ndivuke, ndijikajike phakathi komzi,Ezindaweni zembutho nasezitratweni;Ndiya kumfuna lowo uthandwa ngumphefumlo wam.Ndamfuna andamfumana.

3. Abalindi abajikajika phakathi komzi bandifumana;Ndathi kubo, Khe nambona na lowo uthandwa ngumphefumlo wam?

4. Ndithe ndisandula ukudlula kancinane kubo,Ndamfumana lowo uthandwayo ngumphefumlo wam;Ndambamba, andamyeka,Ndada ndamzisa endlwini kama,Engontsini yowandikhawulayo.

5. Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisaAmabhadikazi namaxhamakazi asendle,Ukuba ningĂ luvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando,Lude luthande.

6. Ngubani na lo, unyuka evela entlango njengemiqulu yomsi,Eqhunyiselwa ngemore* nentlaka emhlophe,Ithatyathwe emigutyeni yonke yomrhwebi?

7. Yabona, sisingqengqelo sikaSolomon,Siphahlwe ngamagorha angamashumi amathandathuKumagorha akwaSirayeli.

8. Onke aphethe amakrele, afundiswe ukulwa,Lilelo linekrele ethangéni laloNgenxa yokoyika ebusuku.

9. Ukumkani uSolomon uzenzele ithalaNgemithi yaseLebhanon.

Ingoma Yazo Iingoma 3