1. Ndidanduluka kuwe, Yehova;Liwa lam, musa ukuzenza isithulu;Hleze, wakuthi cwaka kum,Ndifane nabahla baye emhadini.
2. Yiva izwi lokukhunga kwam ekuzibikeni kwam kuwe,Ekuziphakamiseleni kwam izandla zam kwingcwele kangcwele.
3. Musa ukundiqweqwedisa nabangendawo,Nabenzi bobutshinga;Abathetha uxolo kummelwane wabo,Benobubi ezintliziyweni zabo.
4. Bánike ngokwemisebenzi yabo, ngokobubi beentlondi zabo;Bánike ngokwezenzo zezandla zabo;Bábuyisele ngokwempatho yabo.
5. Ekubeni bengayiqondi imisebenzi kaYehova,Nezenzo zezandla zakhe,Úya kubagungxula, angàbakhi.
6. Makabongwe uYehova,Kuba elivile ilizwi lokukhunga kwam.
7. NguYehova amandla am nengweletshetshe yam;Yakholosa ngaye intliziyo yam, ndancedeka.Iyadlamka ke intliziyo yam,Ndiyamdumisa ngengoma yam.
8. UYehova ungamandla kubo;Uligwiba losindiso kumthanjiswa wakhe yena.