13. Waxelelwa uTamare kwathiwa, Nanko uyihlozala, enyuka esiya kucheba impahla yakhe emfutshane kwaTimna.
14. Wazisusa iingubo zobuhlolokazi bakhe, wazigqubuthela ngesigqubuthelo, wazithi wambu, wahlala phantsi esangweni le-Enayim, engasendleleni eya kwaTimna; kuba ubebona ukuba ukhulile uShela, àkasiwa noko kuye ukuba abe ngumkakhe.
15. UYuda wambona, waba ulihenyukazi, kuba ebegqubuthele ubuso.
16. Wathi gu bucala, waya kuye endleleni, wathi, Khawuze, ndikungene; kuba ubengazi ukuba ngumolokazana wakhe. Wathi, Wòndinika ntoni na, ukuze ndikuvumele ukuba undingene?
17. Wathi, Mna ndothumela ndithabathe itakane lebhokwe elisempahleni emfutshane. Wathi, Ewe, ukuba uthe wandinika isibambiso, ude ulithumele kum.
18. Wathi, Ndíkunike sibambiso sini na? Wathi yena, Umsesane wakho, nesidanga sakho, nomsimelelo wakho osesandleni sakho. Wamnika ke, wamngena, wamitha yena ngaye.
19. Wesuka wemka, wasisusa isigqubuthelo sakhe, wambatha iingubo zobuhlolokazi bakhe.
20. UYuda walithumela itakane lebhokhwe ngesandla sesihlobo sakhe saseAdulam, ukuze samkele isibambiso esandleni senkazana leyo; asiyifumananga ke.
21. Sabuza kubantu baloo ndawo, sathi, Liphi na ing'awukazi ebe lise-Enayim ngasendleleni? Bathi, Akubangakho ng'awukazi apha.
22. Sabuyela kuYuda sathi, Andilifumananga; nabo abantu baloo ndawo bathe, Akubangakho ng'awukazi apha.
23. Wathi uYuda, Malizithabathe, hleze sidelwe. Yabona, ndithumele eli takane, ke wena akulifumananga.
24. Kwathi, emva kweenyanga ezintathu, waxelelwa uYuda kwathiwa, UTamare, umolokazana wakho, uhenyuzile; kananjalo, yabona, umithi ngokuhenyuza oko. UYuda wathi, Mkhupheni atshiswe.