Abagwebi 9:31-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Wathuma abathunywa kuAbhimeleki ngenkohliso, esithi, Nanku uGahali unyana kaEbhede, nabazalwana bakhe, befiké kwaShekem; yabona, bayawubandezela umzi ukuba uchasane nawe.

32. Vuka ke ngoko ebusuku, wena nabantu onabo, ulalele emasimini;

33. kothi, kusasa ukuphuma kwelanga, uvuke kusasa, wakhe uluhlu uye kuloo mzi; nanko yena nabantu anabo bephuma besiza kuwe; wénze kuye, njengoko sithe safumana ngako isandla sakho.

34. Wavuka ke ebusuku uAbhimeleki nabantu bonke anabo, bawulalela owakwaShekem, bemaqela mané.

35. Waphuma uGahali unyana kaEbhede, wema ekungeneni kwesango lomzi; wesuka uAbhimeleki nabantu anabo ekulaleleni.

36. UGahali wababona abantu, wathi kuZebhule, Naba abantu besihla ezincotsheni zeentaba. Wathi uZebhule kuye, Ùbona amathunzi eentaba ngathi ngabantu.

Abagwebi 9