1. Wathi uDavide, Kusekho mpunde na kwindlu kaSawule, ukuze ndiyenzele inceba ngenxa kaYonatan?
2. Ke indlu kaSawule ibinomkhonzi ogama linguTsibha; bambizela kuDavide. Wathi ukumkani kuye, UnguTsibha na? Wathi yena, Ndingumkhonzi wakho.
3. Wathi ukumkani, Akusekho namnye na umntu wendlu kaSawule, ndÃmenzele inceba kaThixo? Wathi ke uTsibha kukumkani, Kusekho unyana kaYonatan, ofe iinyawo.
4. Wathi ukumkani kuye, Uphi na? Wathi uTsibha kukumkani, Nankuya endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.
5. Wathumela ke ukumkani uDavide, wamthabatha endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.