2 Usamuweli 5:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Zeza zonke izizwe zakwaSirayeli kuDavide eHebron, zatsho ukuthi, Uyabona, silithambo lakho nenyama yakho.

2. Kwangaphambili, oko uSawule ebengukumkani kuthi, ibinguwe obesakuphuma ungena namaSirayeli. UYehova wathi kuwe, Wena uya kubalúsa abantu bam amaSirayeli, wena uya kuba yingánga yamaSirayeli.

3. Aya ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani eHebron. Wenza umnqophiso nawo ukumkani uDavide eHebron phambi koYehova; amthambisa uDavide ukuba abe ngukumkani wamaSirayeli.

4. UDavide ubeminyaka imashumi mathathu ezelwe, ukwenziwa kwakhe ukumkani; waba neminyaka emashumi mané engukumkani.

5. Waba ngukumkani wakwaYuda eHebron iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu; eYerusalem waba ngukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu kumaSirayeli onke namaYuda.

6. Ukumkani waya namadoda akwakhe eYerusalem kumaYebhusi. Abemi belo zwe bathi kuDavide, Akusayi kungena apha; kuba iimfama neziqhwala zokugxotha. Batsho beba uDavide akasayi kungena apho.

7. UDavide wayithimba imboniselo yeZiyon: ngumzi kaDavide ke lowo.

8. Wathi uDavide ngaloo mini, Bonke abaxabela amaYebhusi, mabaziwise engxangxasini iziqhwala kwaneemfama ezithiyekileyo emphefumlweni kaDavide. Ngenxa yoko bathi, Iimfama neziqhwala aziyi kungena endlwini.

9. UDavide wahlala emboniselweni, wayibiza ngokuthi ngumzi kaDavide. UDavide wákha ngeenxa zonke, wathabathela eMilo wesa phakathi.

10. Waya uDavide eba mkhulu ngokuba mkhulu, uYehova uThixo wemikhosi waba naye.

11. Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathumela abathunywa kuDavide, nemisedare,* neengcibi zemithi, neengcibi zamatye eendonga; zamakhela uDavide indlu.

12. Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile wangukumkani; ukuba ubuphakamisile ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.

13. UDavide wabuya wazeka abafazi namashweshwe eYerusalem, emveni kokusuka kwakhe eHebron; wabuya wazalelwa oonyana neentombi uDavide.

14. Ngawo la amagama abo wabazalelwáyo eYerusalem: nguShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon,

2 Usamuweli 5