2 Usamuweli 3:4-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. owesiné waba nguAdoniya, unyana kaHagiti; owesihlanu waba nguShefatiya, unyana ka-Abhitali;

5. owesithandathu waba nguItram, ngoEgla, umkaDavide. Wabazalelwa abo uDavide eHebron.

6. Kwathi, kwakubon' ukuba kukho imfazwe phakathi kwendlu kaSawule nendlu kaDavide, uAbhinere wamana ukuzomelezela indlu kaSawule.

7. Ke uSawule ebeneshweshwe eligama linguRitspa, intombi ka-Aya; wathi ke uIshbhoshete kuAbhinere, Yini na ukuba ulingene ishweshwe likabawo?

8. Wavutha kakhulu ngumsindo uAbhinere ngamazwi kaIshbhoshete, wathi, Ndiyintloko yenja elunge kwaYuda yini na? Namhla ndiyenzela inceba indlu kaSawule uyihlo, kubazalwana bakhe, nakubahlobo bakhe; andikuyekelanga esandleni sikaDavide; kanti ke undivelele ngobugwenxa endibenzé kule nkazana namhla.

9. UThixo makenjenje kuAbhinere, aqokele ukwenjenje; njengoko uYehova wamfungelayo uDavide, ndiya kwenjenjalo kuye:

10. ukubugqithisa ubukumkani endlwini kaSawule, kumiswe itrone kaDavide kwaSirayeli nakwaYuda, kuthabathele kwaDan kuse eBher-shebha.

11. Akaba saba nako ukumphendula nezwi uAbhinere ngokumoyika.

12. Wesusa esikhundleni sakhe uAbhinere abathunywa, baya kuDavide; esithi, Lelikabani na ilizwe? esithi, Yenza umnqophiso wakho nam; uyabona, isandla sam sinawe, ukuba aguqulelwe kuwe amaSirayeli onke.

13. Wathi, Kulungile, ndowenza nawe umnqophiso. Kodwa kukho nto-nye ndiyifunayo kuwe; yile: akuyi kububona ubuso bam, ungamzisanga uMikali intombi kaSawule, wakuza kububona ubuso bam.

14. UDavide wesusa abathunywa, baya kuIshbhoshete unyana kaSawule, esithi, Ndínike umkam uMikali, endamgana ngekhulu leenyama zokwalùswa zamaFilisti.

15. Wathumela uIshbhoshete, wamthabatha kwindoda yakhe, kuPaltiyeli unyana kaLayishe.

16. Yahamba naye ke indoda yakhe, imana ilila emva kwakhe, kwada kwezisa eBhahurim. Wathi uAbhinere kuyo, Hamba ubuye. Yabuya.

2 Usamuweli 3