15. Bafika bamngqinga eAbhele-bhete-mahaka, bawufumbela udonga lokungqinga umzi lowo, lwema phezu komsele wongqameko; baye bonke abantu ababenoYowabhi beluqhuqha, ukuze udonga lomzi luwe.
16. Kwamemeza intokazi elumkileyo ikuloo mzi, yathi, Yivani, yivani; khanithi kuYowabhi, Sondela apha, ndithethe nawe.
17. Wasondela ke kuyo; yathi loo ntokazi, ÙnguYowabhi na? Wathi, Ndinguye. Yathi kuye, Phulaphula amazwi omkhonzazana wakho. Wathi, Ndiyeva.
18. Yatsho yathi, Kwakufudula kusithiwa, Ukubuza makubuzwe eAbhele, benjenjalo ukuyifeza into.
19. Ndingowabaxolileyo, abathembekileyo kwaSirayeli; ke ùfuna ukubulala umzi ongunozala kwaSirayeli. Yini na ukuba uliginye ilifa likaYehova?
20. Waphendula uYowabhi, wathi, Makube lee, makube lee kum, ukuba ndiginye nokuba ndonakalise.
21. Hayi, akunjalo; kusuke indoda yasezintabeni zakwaEfrayim, enguShebha ngegama, unyana kaBhikri, yasiphakamisa isandla sayo kukumkani, kuDavide; khuphani yona yodwa, ndomka kulo mzi. Yathi loo ntokazi kuYowabhi, Yabona, intloko yayo iya kugityiselwa kuwe phezu kodonga.
22. Yaya loo ntokazi kubantu bonke ngobulumko bayo. Bayinqumla ke intloko kaShebha, unyana kaBhikri, bayigibisela kuYowabhi. Wavuthela isigodlo, baphangalala bemka kuloo mzi, elowo waya ententeni yakhe. UYowabhi wabuyela eYerusalem kukumkani.
23. Ke kaloku uYowabhi wawuphatha wonke umkhosi wakwaSirayeli; uBhenaya, unyana kaYehoyada, waphatha abancinithi nezigidimi.
24. UAdoram waphatha abafakwa uviko; uYehoshafati, unyana ka-Ahiludi, ubengumkhumbuzi wezinto zakomkhulu.
25. USheva ubengumbhali; uTsadoki noAbhiyatare baye bengababingeleli.
26. Kananjalo uIra waseYahire ubengumbingeleli kuDavide.