23. Akavuma ukutyeka. UAbhinere wamtsho ngoluthi lwentshuntshe esiswini; yaya kuphuma intshuntshe ngasemva. Wawa khona, wafela kuloo ndawo. Bathi bonke abafika kuloo ndawo wàwa wafela kuyo uAsaheli, bee nqumama.
24. OoYowabhi noAbhishayi bamsukela bamlandela uAbhinere, lada latshona ilanga; bada bafika edulini yeAma, ekhangelene neGiya, endleleni yentlango yeGibheyon.
25. Bahlanganisana oonyana bakaBhenjamin, bamlandela uAbhinere, bambumba-nye, bema encotsheni yanduli-nye.
26. Wamemeza uAbhinere kuYowabhi, wathi, Liya kumana ukudla na ikrele? Akwazi na ukuba kuya kuba krakra kamva? Kuya kuba mzuzu ungakanani na ungabaxeleli abantu, babuye ekusukeleni abazalwana babo?