11. Ke kaloku ukumkani uDavide wathumela kuTsadoki nakuAbhiyatare ababingeleli, wathi, Thethani kumadoda amakhulu akwaYuda, nithi, Yini na ukuba nibe ngabokugqibela ekumbuyiseleni endlwini yakhe ukumkani, intetho yamaSirayeli onke ifikile nje kukumkani endlwini yakhe?
12. Ningábazalwana bam, nilithambo lam, nenyama yam; yini na ukuba nibe ngabokugqibela ekumbuyiseni ukumkani?
13. Níthi ke kuAmasa, Àkulilo ithambo lam nenyama yam na? UThixo makenjenje kum, aqokele ukwenjenje, ukuba àkuthe waba ngumthetheli womkhosi phambi kwam yonke imihla esikhundleni sikaYowabhi.
14. Wayitsala intliziyo yamadoda onke akwaYuda njengandoda-nye; athumela kukumkani athi, Buya wena, nabakhonzi bakho bonke.
15. Wabuya ke ukumkani, wafika eYordan. Ke amaYuda afika eGiligali, esiya kumkhawulela ukumkani, amweze ukumkani eYordan.
16. UShimehi unyana kaGera, umBhenjamin waseBhahurim, wakhawuleza, wehla namadoda akwaYuda, esiya kumkhawulela ukumkani uDavide,
17. enewaka lamadoda akwaBhenjamin, noTsibha umkhonzi wendlu kaSawule, noonyana bakhe abalishumi elinabahlanu, nabakhonzi bakhe abangamashumi amabini kunye naye; baphumela eYordan phambi kokumkani.