2 Usamuweli 18:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ukumkani wabawisela umthetho uYowabhi noAbhishayi noItayi, wathi, Mphatheni kakuhle umfana uAbhisalom, ngenxa yam. Beva bonke abantu ukubawisela kokumkani umthetho abathetheli ngenxa ka-Abhisalom.

6. Baphuma ke abantu, baya ezindle, bawahlangabeza amaSirayeli; kwaliwa ehlathini lakwaEfrayim;

7. babulawelwa khona abantu bakwaSirayeli phambi kwabakhonzi bakaDavide; ngaloo mini kwabakho khona uxabelo olukhulu, amawaka angamashumi omabini.

8. Kwaphangalala khona ukulwa phezu kwelizwe lonke; ihlathi ladla ebantwini into eninzi, ngaphezu kokudla kwekrele, ngaloo mini.

9. UAbhisalom waqubisana nabakhonzi bakaDavide. UAbhisalom waye ekhwele kundlebende, undlebende wangena phantsi kwentshinyela yomterebhinti* omkhulu; yabambeka emterebhintini intloko yakhe, waphakathi kwezulu nomhlaba; wemka undlebende obephantsi kwakhe.

10. Yábona indoda ethile, yamxelela uYowabhi, yathi, Khangela, ndimbonile uAbhisalom exhomekile emterebhintini.

11. Wathi uYowabhi kuloo ndoda imxeleleyo, Khangela, úmbonile nje, ibiyini na ukuba ungàmbethi awe khona emhlabeni? Ngendikunike ishumi lesilivere nombhinqo.

12. Yathi loo ndoda kuYowabhi, Ndingafanelana ndilinganiselwe esandleni sam iwaka lesilivere, bendingede ndise isandla sam kunyana wokumkani; ngokuba ukumkani, sisiva, wakuwisela umthetho, wena noAbhishayi noItayi, wathi, Nokuba ngoobani, ize bamgcine umfana uAbhisalom.

2 Usamuweli 18