Yathi loo ndoda kuYowabhi, Ndingafanelana ndilinganiselwe esandleni sam iwaka lesilivere, bendingede ndise isandla sam kunyana wokumkani; ngokuba ukumkani, sisiva, wakuwisela umthetho, wena noAbhishayi noItayi, wathi, Nokuba ngoobani, ize bamgcine umfana uAbhisalom.