1. UDavide wababala abantu abenabo, wamisa abathetheli-mawaka nabathetheli-makhulu phezu kwabo.
2. UDavide wasinikela isahlulo sesithathu sabantu esandleni sikaYowabhi, nesahlulo sesithathu esandleni sika-Abhishayi unyana kaTseruya, umninawa kaYowabhi, nesahlulo sesithathu esandleni sikaItayi waseGati. Wathi ukumkani ebantwini, Nam ndiya kuphuma, ndiphume nani.
3. Bathi abantu, Ùze ungaphumi; ngokuba xa sithe sasaba, sisabile, abayi kusibekela ntliziyo thina; nokuba kuthe kwafa isiqingatha kuthi, abayi kusibekela ntliziyo; ngokuba ùngangamawaka alishumi kuthi; kulungile kanye ukuba usincede, ukuwo umzi.
4. Wathi ukumkani kubo, Okulungileyo emehlweni enu ndokwenza. Ukumkani wema ecaleni lesango, abantu bonke baphuma ngamakhulu nangamawaka.
5. Ukumkani wabawisela umthetho uYowabhi noAbhishayi noItayi, wathi, Mphatheni kakuhle umfana uAbhisalom, ngenxa yam. Beva bonke abantu ukubawisela kokumkani umthetho abathetheli ngenxa ka-Abhisalom.
6. Baphuma ke abantu, baya ezindle, bawahlangabeza amaSirayeli; kwaliwa ehlathini lakwaEfrayim;
7. babulawelwa khona abantu bakwaSirayeli phambi kwabakhonzi bakaDavide; ngaloo mini kwabakho khona uxabelo olukhulu, amawaka angamashumi omabini.
8. Kwaphangalala khona ukulwa phezu kwelizwe lonke; ihlathi ladla ebantwini into eninzi, ngaphezu kokudla kwekrele, ngaloo mini.
9. UAbhisalom waqubisana nabakhonzi bakaDavide. UAbhisalom waye ekhwele kundlebende, undlebende wangena phantsi kwentshinyela yomterebhinti* omkhulu; yabambeka emterebhintini intloko yakhe, waphakathi kwezulu nomhlaba; wemka undlebende obephantsi kwakhe.