Bathi abantu, Ùze ungaphumi; ngokuba xa sithe sasaba, sisabile, abayi kusibekela ntliziyo thina; nokuba kuthe kwafa isiqingatha kuthi, abayi kusibekela ntliziyo; ngokuba ùngangamawaka alishumi kuthi; kulungile kanye ukuba usincede, ukuwo umzi.