2 Usamuweli 13:11-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Wazisondeza kuye ukuba adle. Wesuka yena, wambamba, wathi kuye, Yiza, ulale nam, dade wethu.

12. Wathi kuye, Musa, mnakwethu, musa ukundidlwengula; ngokuba akwenjiwa nje kwaSirayeli; musa ukulenza eli nyala.

13. Mna ndingaya phi na nehlazo lam? Ke wena ungaba njengowabanobudenge kwaSirayeli. Khawuthethe ke ngoko nokumkani; ngokuba akangemangali nam kuwe.

14. Akavuma yena ukuliphulaphula ilizwi lakhe. Wameyisa, wamdlwengula, walala naye.

15. Waza uAmnon wamthiya ngentiyo enkulu kunene; ngokuba yaba nkulu intiyo awamthiya ngayo, ngaphezu kwentando abemthande ngayo. Wathi uAmnon kuye, Suka umke.

16. Wathi kuye, Musa ukuba yimbangi yobu bubi bokundigxotha; bukhulu ngaphezu kobuyá ubenzileyo kum. Akavuma ukumphulaphula.

17. Wabiza umfana, umlungiseleli wakhe, wathi, Khawugxothe le nkazana, imke kum, iye phandle, utshixe ucango emva kwayo.

18. Ke yayambethe ingubo ende enemikhono; ngokuba bezisenjenjalo iintombi zokumkani eziseziintombi, ukwambatha ingubo yokwaleka. Wayikhuphela ngaphandle ke umlungiseleli wakhe, walutshixa ucango emva kwayo.

19. UTamare wazigalela uthuthu entloko, wayikrazula ingubo yakhe ende enemikhono abeyambethe, wabeka isandla entloko, wemka, ehamba ekhala.

20. Wathi uAbhisalom umnakwabo kuye, Ubenawe na uAmnon umnakwenu? Kaloku, dade wethu, hlala uthi tu, ngumnakwenu. Musa ukuyibekela ntliziyo le nto. Wahlala ke uTamare, wasisishwayimbana endlwini ka-Abhisalom umnakwabo.

21. Waziva ukumkani uDavide zonke ezo nto, wavutha ngumsindo kunene.

22. Akathetha nelibi nelilungileyo uAbhisalom kuAmnon; ngokuba uAbhisalom wamthiya uAmnon, ngale nto yokuba emdlwengule uTamare udade wabo.

2 Usamuweli 13