Ke yayambethe ingubo ende enemikhono; ngokuba bezisenjenjalo iintombi zokumkani eziseziintombi, ukwambatha ingubo yokwaleka. Wayikhuphela ngaphandle ke umlungiseleli wakhe, walutshixa ucango emva kwayo.