1. Kwathi ukuvela komnyaka, ngexesha lokuphuma kookumkani ukuya kulwa, uDavide wamthuma uYowabhi, nabakhonzi bakhe kunye naye, namaSirayeli onke, batshabalalisa oonyana baka-Amon, bayingqinga iRabha. UDavide wayehleli eYerusalem.
2. Kwathi ngexesha langokuhlwa, wavuka uDavide esililini sakhe, wahambahamba phezu kophahla lwendlu yokumkani. Wathi, eseluphahleni, wabona umfazi ezihlamba; ke umfazi lowo wayemhle kunene ngembonakalo.
3. Wathumela uDavide, wabuzisa ngaloo mfazi. Kwathiwa, Asinguye na uBhatshebha lowo, intombi kaEliham, umkaUriya umHeti?
4. UDavide wathuma abathunywa, wamthabatha; weza ke yena kuye, walala naye. Akuba ezingcwalisile ebunqambini bakhe, wabuyela endlwini yakhe.