Kwathi ngexesha langokuhlwa, wavuka uDavide esililini sakhe, wahambahamba phezu kophahla lwendlu yokumkani. Wathi, eseluphahleni, wabona umfazi ezihlamba; ke umfazi lowo wayemhle kunene ngembonakalo.