5. Waxelelwa uDavide; wathuma izigidimi zokubakhawulela; ngokuba amadoda lawo abehlaziswe kunene. Wathi ukumkani, Hlalani eYeriko, zide zihlume iindevu zenu, nandule ukubuya.
6. Babona oonyana baka-Amon ukuba bazinukisile kuDavide, bathumela ke oonyana baka-Amon, baqesha kuma-Aram* aseBhete-rehobhi, nakuma-Aram aseTsobha, amashumi amabini amawaka angumqikela; nakukumkani waseMahaka iwaka lamadoda; nakumadoda aseTobhi ishumi elinamabini lamawaka amadoda.
7. Weva uDavide; wathuma uYowabhi enomkhosi wonke wamagorha.
8. Baphuma oonyana baka-Amon, bákha izintlu zokulwa ekungeneni kwesango; ama-Aram aseTsobha, nawaseRehobhi, namadoda aseTobhi, nawaseMahaka aba wodwa endle.
9. Wabona uYowabhi ukuba imfazwe ibheke kuye, ngaphambili nangasemva, wanyula emadodeni onke ahleliweyo kwaSirayeli, wákha uluhlu malunga nama-Aram.
10. Abanye abantu wabanikela esandleni sika-Abhishayi, umninawa wakhe, wabakha baluluhlu malunga noonyana baka-Amon.
11. Wathi, Ukuba ama-Aram athe andeyisa, wondisiza; ukuba bathe oonyana baka-Amon bakoyisa, ndoza kukusiza.