2 Ookumkani 23:33-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. UFaro-neko wamkhonkxa eRibhela, ezweni laseHamati, ukuze angabi ngukumkani eYerusalem. Ilizwe walihlahlisa ikhulu leetalente zesilivere,* netalente yegolide.*

34. UFaro-neko wamenza ukumkani uEliyakim, unyana kaYosiya, esikhundleni sikaYosiya uyise, waliguqula igama lakhe languYehoyakim. Ke wamthabatha uYehowahazi, weza naye eYiputa; wafela khona.

35. UYehoyakim wayinika uFaro isilivere leyo negolide leyo; kodwa ke walihlahlisa ilizwe ukuba anike imali ngokomlomo kaFaro, elowo ngokuhlahliswa kwakhe. Wabaqhuba abantu belizwe, ukuba bayirhole isilivere negolide, ukuba ayinike uFaro-neko.

36. UYehoyakim ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi linamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguZebhuda, intombi kaPedaya waseRuma.

37. Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke abakwenzayo ooyise.

2 Ookumkani 23