UYehoyakim ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi linamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguZebhuda, intombi kaPedaya waseRuma.