2 Ookumkani 23:16-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Wabheka uYosiya, wawabona amangcwaba abekhona entabeni, wathumela, wawathabatha amathambo emangcwabeni lawo, wawatshisela phezu kwesibingelelo, wasenza inqambi ngokwelizwi likaYehova, awalimemezayo umfo wakwaThixo, owawamemezayo la mazwi.

17. Wathi, Lelani na elaa litye lithe nkqampu ndilibonayo? Athi kuye amadoda aloo mzi, Lingcwaba lomfo wakwaThixo, owavela kwaYuda, wamemeza ezi zinto ùzenzileyo kwisibingelelo saseBheteli.

18. Wathi, Myekeni; makangashukunyiswa mntu amathambo akhe. Bawasindisa ke amathambo akhe, namathambo omprofeti owavela kwaSamari.

19. Kananjalo zonke izindlu zezigánga, ezibe zisemizini yakwaSamari, abazenzáyo ookumkani bamaSirayeli ukuba bamqumbise uYehova, wazisusa uYosiya; wenza kuzo ngokwezenzo zonke awazenzayo eBheteli.

20. Wababingelela bonke ababingeleli bezigánga ababekhona, phezu kwezibingelelo; watshisa amathambo abantu phezu kwazo. Wabuya ke weza eYerusalem.

21. Ukumkani wabawisela umthetho abantu bonke, wathi, Yenzani ipasika kuYehova, uThixo wenu, ngoko kubhaliweyo encwadini yalo mnqophiso.

22. Ngokuba bekungazanga kwenziwe pasika ngokwale pasika, kususela kwimihla yabagwebi ababelawula amaSirayeli, nangemihla yonke yookumkani bakwaSirayeli, nookumkani bakwaYuda.

23. Kwaba ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYosiya, ukwenziwa kwale pasika kuYehova eYerusalem.

24. Kananjalo ke abaneshologu, noosiyazi, nemilonde-khaya, nezigodo ezizizithixo, neento zonke ezinezothe, ezibe zibonwa ezweni lakwaYuda naseYerusalem, wazitshayela uYosiya, ukuze amise amazwi omyalelo abhaliweyo encwadini abeyifumene uHilekiya umbingeleli endlwini kaYehova.

25. Ngaphambi kwakhe akubangakho kumkani unjengaye, ubuyeleyo kuYehova ngentliziyo yakhe yonke, nangomphefumlo wakhe wonke, nangamandla akhe onke, ngokomyalelo wonke kaMoses; nangasemva kwakhe akuvelanga unjengaye.

26. Akabuyanga noko uYehova ekuvutheni komsindo wakhe omkhulu, umsindo wakhe owavutha kumaYuda, ngenxa yokuqumbisa konke abequmbise ngako uManase.

27. Wathi uYehova, Ndiya kuwasusa namaYuda ebusweni bam, njengokuba ndawasusayo amaSirayeli, ndiwulahle lo mzi ndawunyulayo, iYerusalem le, nendlu le ndàthi, Liya kuba kuyo igama lam.

2 Ookumkani 23