1. Wathumela ukumkani; ahlanganiselana kuye onke amadoda amakhulu akwaYuda neYerusalem.
2. Wenyuka ukumkani waya endlwini kaYehova, namadoda onke akwaYuda, nabemi bonke baseYerusalem kunye naye, nababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, kwathabathela komncinane kwesa komkhulu. Wawalesa ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi yomnqophiso eyafunyanwa endlwini kaYehova.
3. Wema ukumkani phezu kwendawo ephakamileyo, wenza umnqophiso phambi koYehova, wokulandela uYehova, nokugcina imithetho yakhe, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, ngentliziyo yonke, nangomphefumlo wonke, nokuwamisa onke amazwi alo mnqophiso abhaliweyo kule ncwadi; bema ke bonke abantu emnqophisweni lowo.
4. Ukumkani wamwisela umthetho uHilekiya, umbingeleli omkhulu, nababingeleli bolwesibini udidi, nabagcinimnyango, wokuba bazikhuphe ebhotweni likaYehova zonke iimpahla ezaye zenzelwe uBhahali,* noAshera,* nomkhosi wonke wezulu. Wazitshisela ngaphandle kweYerusalem emaphandleni aseKidron, uthuthu lwazo walúsa eBheteli.
5. Wabaphelisa ababingeleli abangengabo, ababethe ookumkani bakwaYuda babamisela ukuqhumisela ezigangeni, emizini yakwaYuda, nangeenxa zonke eYerusalem; nabaqhumisela kuBhahali, nakwilanga, nakwinyanga, nakwiinkwenkwezi, nakumkhosi wonke wezulu.
6. Wamkhupha uAshera endlwini kaYehova, wamsa ngaphandle kweYerusalem, emlanjaneni oyiKidron, wamtshisela emlanjaneni oyiKidron; bamcola waluthuli; waluphosa uthuli lwakhe phezu kwamangcwaba oonyana babantu.
7. Wazidiliza izindlu zamang'awu ezibe zisendlwini kaYehova, apho amankazana abemlukela khona uAshera iintente.
8. Wabathabatha bonke ababingeleli emizini yakwaYuda, wazenza inqambi izigánga, apho babeqhumisela khona ababingeleli, ethabathela eGebha ase eBher-shebha, wazidiliza izigánga zamasango, ezisekungeneni kwesango likaYoshuwa, umphathi womzi, nezisekhohlo komntu ongena esangweni lomzi.
9. Kodwa ke ababingeleli abo bezigánga abenyukanga beze esibingelelweni sikaYehova eYerusalem; banela ukudla izonka ezingenagwele phakathi kwabazalwana babo.
10. Wayenza inqambi iTofete, esemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze kungabikho mntu umcandisa emlilweni kuMoleki* unyana wakhe, nokuba yintombi yakhe.
11. Wawasusa amahashe abemiselwe ilanga ngookumkani bakwaYuda, ekungeneni endlwini kaYehova, ngasegumbini likaNetan-meleki umbusi, elibe lingaphandle; wazitshisa neenqwelo zelanga ngomlilo.
12. Nezibingelelo ezibe ziphezu kophahla lwegumbi eliphezulu lika-Ahazi, abazenzáyo ookumkani bakwaYuda, nezibingelelo awazenzayo uManase ezintendelezweni zombini zendlu kaYehova, wazidiliza ukumkani, wazikhanda kwakhona, waluphosa emlanjeni oyiKidron uthuli lwazo.
13. Nezigánga eziphambi kweYerusalem, ezibe zisekunene kwentaba yolonakaliso, awayethe uSolomon ukumkani wakwaSirayeli wazakhela uAshtoreti,* into enezothe yamaTsidon, noKemoshe,* into enezothe yamaMowabhi, noMilikom,* isikizi loonyana baka-Amon, wazenza inqambi ukumkani.
14. Waziqhekeza nezimiso zamatye, wabagawula ooAshera, wazizalisa iindawo zazo ngamathambo abantu.