18. Walala uManase kooyise, wangcwatyelwa emyezweni wendlu yakhe, emyezweni kaUza. UAmon unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
19. UAmon ubeminyaka imashumi mabini anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMeshulemete, intombi kaHarutse waseYotebha.
20. Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko wenza ngako uManase uyise.
21. Wahamba ngendlela yonke awahamba ngayo uyise; wazikhonza izigodo ezizizithixo awazikhonzayo uyise, waqubuda kuzo.
22. Wamshiya uYehova, uThixo wooyise, akahamba ngendlela keYehova.
23. Bamceba abakhonzi baka-Amon, bambulala ukumkani lowo endlwini yakhe.
24. Abantu belizwe elo bababulala bonke abo babecebe ukumkani uAmon. Bathi abantu belizwe elo bamenza ukumkani uYosiya, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.
25. Ezinye izinto zika-Amon awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
26. Wangcwatyelwa engcwabeni lakhe, emyezweni kaUza. UYosiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.