27. Ke, ukuhlala kwakho, nokuphuma kwakho, nokungena kwakho, ndiyakwazi, nokuguguma kwakho ngam.
28. Ngenxa yokundigugumela kwakho, nangenxa yokutyesha kwakho okunyuke kweza ezindlebeni zam, ndiya kufaka ikhonkco lam empumlweni yakho, nomkhala wam emlonyeni wakho, ndikubuyise ngendlela oweza ngayo.
29. Ke kaloku nguwo lo umqondiso kuwe: lo mnyaka kodliwa ummilela, ngomnyaka wesibini kodliwa isihlabane, ngomnyaka wesithathu nòhlwayela nivune, nityale izidiliya, nidle iziqhamo zazo;
30. abasindileyo bendlu yakwaYuda, abo baseleyo, babuye bendelisele iingcambu phantsi, benzé iziqhamo phezulu.
31. Ngokuba kuya kuphuma eYerusalem abaseleyo, nabasindileyo entabeni yeZiyon. Ubukhwele bukaYehova wemikhosi buya kukwenza oko.
32. Ngako oko utsho uYehova ngokubhekisele kukumkani waseAsiriya, ukuthi, Akayi kungena kulo mzi; akayi kutola notolo kuwo; akayi kuwuzela enengweletshetshe, akayi kuwufumbela ludonga lwakungqinga.