2 Ookumkani 19:21-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Lilo eli ilizwi alithethileyo uYehova ngaye, Intombi eyintombi enguZiyon iyakudela, iyakugculela; intombi enguYerusalem ihlunguzela intloko emva kwakho.

22. Ngubani na lo ùmngcikivileyo, ùmnyelisileyo? Ngubani na lo umphakamisele izwi lakho, uwaphakamisele amehlo akho phezulu nje? NgoyiNgcwele wakwaSirayeli.

23. Ngabathunywa bakho ùyingcikivile iNkosi, wathi, Ngobuninzi beenqwelo zam zokulwa ndiqabele mna ezintlomeni zeentaba, emathambekeni eLebhanon; ndiyayigawula imisedare* yayo emide kakhulu, nemisipres* yayo enyuliweyo, ndifíke kweyokuphela indawo yayo yokulalisa, ehlathini lentsimi yayo echumayo.

24. Mna ndimbé ndasela amanzi abefudula engekho, ndayomisa ngeentende zeenyawo zam yonke imijelo yaseYiputa.

25. Akuvanga na? Kwakude ndakwenza oku, kwangemihla yamandulo ndakubumba. Ndikufikisile, kwenzeka ngoku, ukuba uyikhahlele phantsi imizi enqatyisiweyo, ibe yingxakangxaka yemiwewe.

26. Abemi bayo bánqumka izandla, baqhiphuka umbilini, badana, baba ngumfuno wasendle, nohlaza, utyani obuphezu kwendlu, isihumba engqoloweni ingekabi mvila.

27. Ke, ukuhlala kwakho, nokuphuma kwakho, nokungena kwakho, ndiyakwazi, nokuguguma kwakho ngam.

28. Ngenxa yokundigugumela kwakho, nangenxa yokutyesha kwakho okunyuke kweza ezindlebeni zam, ndiya kufaka ikhonkco lam empumlweni yakho, nomkhala wam emlonyeni wakho, ndikubuyise ngendlela oweza ngayo.

29. Ke kaloku nguwo lo umqondiso kuwe: lo mnyaka kodliwa ummilela, ngomnyaka wesibini kodliwa isihlabane, ngomnyaka wesithathu nòhlwayela nivune, nityale izidiliya, nidle iziqhamo zazo;

30. abasindileyo bendlu yakwaYuda, abo baseleyo, babuye bendelisele iingcambu phantsi, benzé iziqhamo phezulu.

31. Ngokuba kuya kuphuma eYerusalem abaseleyo, nabasindileyo entabeni yeZiyon. Ubukhwele bukaYehova wemikhosi buya kukwenza oko.

2 Ookumkani 19