1. Kwathi, akukuva oko ukumkani uHezekiya, wazikrazula iingubo zakhe, wazigquma ngezirhwexayo, wangena endlwini kaYehova.
2. Wathuma uEliyakim umphathi wendlu, noShebhena umbhali, namadoda amakhulu ababingeleli, ezigubungele ngezirhwexayo, kuIsaya umprofeti, unyana ka-Amotse.
3. Bathi kuye, Utsho uHezekiya ukuthi, Le mini yimini yembandezelo, neyokohlwaywa, neyogibo; ngokuba abantwana baze kufika emlonyeni wesizalo, tu ke amandla okuzala.
4. Mhlawumbi uYehova uThixo wakho angaweva onke amazwi kaRabheshake, othunywe ngukumkani waseAsiriya inkosi yakhe, ukungcikiva uThixo ophilileyo; amohlwaye ngenxa yamazwi lawo awavileyo uYehova uThixo wakho. Nyusa ke umthandazo ngenxa yamaqongqolo asekhoyo.
5. Baya ke abakhonzi bokumkani uHezekiya kuIsaya.