2 Ookumkani 13:21-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. kwathi, bengcwaba indoda, babona ngamatutu evela; bayiphosa indoda leyo engcwabeni likaElisha. Ithe indoda leyo yakufika emathanjeni kaElisha, yasuka yaphila, yema ngeenyawo.

22. Ke kaloku uHazayeli, ukumkani wama-Aram, wayewaxinile amaSirayeli yonke imihla kaYehowahazi.

23. UYehova wawababala, wasikwa yimfesane ngawo, wawabheka ngenxa yomnqophiso wakhe noAbraham noIsake noYakobi; àkavuma ukuwonakalisa nokuwalahla ebusweni bakhe unangoku.

2 Ookumkani 13