4. UHezekiya wathi kubantu, kubemi baseYerusalem, mabanike isabelo sababingeleli nabaLevi, ukuze babambelele emyalelweni kaYehova.
5. Lakuvakala elo lizwi, oonyana bakaSirayeli bazisa into eninzi yeziqhamo zokuqala zengqolowa, newayini, neoli, nobusi, nolibo lonke lwamasimi, bazisa kakhulu isishumi sezinto zonke.
6. Oonyana bakaSirayeli nabakaYuda, abahleliyo emizini yakwaYuda, nabo bazisa isishumi seenkomo, nesempahla emfutshane, nesishumi sezinto ezingcwele, ezibe zingcwaliselwe uYehova uThixo wabo, bazibeka iimfumba ngeemfumba.
7. Baqala ngenyanga yesithathu ukuzenza iimfumba, bagqiba ngenyanga yesixhenxe.
8. Beza ooHezekiya nabathetheli, bazibona iimfumba ezo, babulela kuYehova nakubantu bakhe amaSirayeli.
9. Wababuza uHezekiya ababingeleli nabaLevi ngeemfumba ezo.
10. Wathi uAzariya umbingeleli oyintloko, owendlu kaTsadoki, kuye, Kuseloko kwaqalwayo ukuziswa imirhumo endlwini kaYehova, sidé sahlutha, sashiya kakhulu; ngokuba uYehova ubasikelele abantu bakhe; le nto ingaka yeseleyo.
11. Wathi uHezekiya, Makulungiswe amagumbi endlwini kaYehova;
12. bazilungisa ke, bawungenisa umrhumo, nezishumi, nezinto ezingcwalisiweyo ngokukholekileyo.Umphathi wazo ibiyingànga uKonaniya umLevi, noShimehi umninawa wakhe, obengowesibini;