1. UAhazi ubeminyaka imashumi mabini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamithandathu engukumkani eYerusalem.Àkakwenza okuthe tye emehlweni kaYehova njengoDavide uyise;
2. wahamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli, kananjalo wabenzela ooBhahali* imifanekiso etyhidiweyo.
3. Waqhumisela yena emfuleni waseBhen-hinom, wabatshisa oonyana bakhe ngomlilo, ngokwamasikizi eentlanga awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
4. Wabingelela waqhumisela ezigangeni, nasezindulini, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.
5. UYehova, uThixo wakhe, wamnikela esandleni sokumkani wama-Aram;* ameyisa, athimba kuye into eninzi yabathinjwa, abása eDamasko. Kananjalo wanikelwa esandleni sokumkani wakwaSirayeli, uPeka; wabulala kwimpi yakhe kakhulu.
6. UPeka, unyana kaRemaliya, wabulala kumaYuda ikhulu elinamanci amabini lamawaka ngamini-nye, bonke bengamadoda anobukroti, ngokushiya kwabo uYehova, uThixo wooyise.
7. UZikri, igorha lakwaEfrayim, wabulala uMahaseya unyana wokumkani, noAzerikam ingànga yendlu yakhe, noElikana onganeno kokumkani.
8. Oonyana bakaSirayeli bathimba kubazalwana babo amakhulu amabini amawaka, abafazi, noonyana, neentombi, kananjalo babaphanga amaxhoba amaninzi, bawazisa amaxhoba lawo kwaSamari.
9. Apho ke bekukho umprofeti kaYehova, ogama linguOdede. Waphuma waya kukhawulela umkhosi owawusiza kwaSamari, wathi kubo, Yabonani, ngenxa yobushushu bukaYehova, uThixo wooyihlo, obukumaYuda, úwanikele ezandleni zenu; nibabuléle ke ngomsindo ode waya kufikelela emazulwini.