5. esinye isahlulo sesithathu sóba sendlwini yokumkani; esinye isahlulo sesithathu sóba seSangweni lesiSeko; abantu bonke boba sezintendelezweni zendlu kaYehova.
6. Ize kungangeni bani endlwini kaYehova, ngaphandle kwababingeleli nabalungiseleli bakubaLevi; bona baya kungena ngokuba bangcwele; bonke abantu bazigcine izigxina zikaYehova.
7. AbaLevi bomngqonga ukumkani ngeenxa zonke, elowo ephethe iintonga zakhe ngesandla; ongowumbi ongénayo endlwini makabulawe; babe nokumkani ekungeneni kwakhe nasekuphumeni kwakhe.
8. Benza ke abaLevi namaYuda onke njengako konke awabawisela umthetho ngako uYehoyada umbingeleli. Bathabatha elowo amadoda akhe, abengena ngesabatha nabephuma ngesabatha; ngokuba uYehoyada umbingeleli akawandululanga amaqela lawo.