1 Usamuweli 8:10-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wabaxelela ke uSamuweli abo bantu babebiza ukumkani kuye onke amazwi kaYehova.

11. Wathi, Lilo eli ísiko lokumkani oya kuba ngukumkani kuni: Oonyana benu uya kubathabatha abamisele yena ezinqwelweni zakhe zokulwa, nasemahasheni akhe akhwelwayo, babaleke phambi kwenqwelo yakhe;

12. abamisele yena babe ngabathetheli bamawaka, naBathetheli bamashumi ngamahlanu, balíme amasimi akhe, bavune ukutya kwakhe, benzé iimpahla zakhe zemfazwe neempahla zenqwelo yakhe.

13. Iintombi zenu wozithabatha zibe ngabaqholikazi, nabapheki, nabosi bezonka.

14. Amasimi enu wówathabatha, nezidiliya zenu, nezinquma zenu ezona zilungileyo, azinike abakhonzi bakhe;

15. nesishumi sembewu yenu asibize, nesezidiliya zenu, asinike ababusi bakhe nabakhonzi bakhe.

16. Abakhonzi benu uya kubathabatha, nabakhonzazana benu, namadodana enu, namaesile enu, enze umsebenzi wakhe;

17. isishumi sempahla yenu emfutshane asibize; nina nibe ngabakhonzi bakhe.

18. Niya kukhala ngaloo mini ngokumkani wenu enazinyulelayo, anganiphenduli uYehova ngaloo mini.

19. Àbavuma abantu ukuliphulaphula ilizwi likaSamuweli; bathi, Hayi, inene, masibe nokumkani;

20. nathi sibe njengeentlanga ezi zonke, asilawule ukumkani wethu, aphume phambi kwethu, alwe iimfazwe zethu.

21. Waweva uSamuweli onke amazwi abantu, wawathetha ezindlebeni zikaYehova.

22. Wathi uYehova kuSamuweli, Liphulaphule izwi labo, ubenzele ukumkani. Wathi uSamuweli kumadoda akwaSirayeli, Hambani niye elowo emzini wakhe.

1 Usamuweli 8