1 Usamuweli 7:9-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. USamuweli wathabatha itakane elanyayo, walinyusa lalidini elinyukayo lonke liphela kuYehova. Wakhala uSamuweli kuYehova ngenxa yamaSirayeli; uYehova wamphendula.

10. Kwathi, xa uSamuweli alinyusayo idini elinyukayo, amaFilisti asondela, esiza kulwa namaSirayeli. UYehova wadudumisa ngezwi elikhulu loo mini kumaFilisti, wawaqungaqunga; abulawa phambi kwamaSirayeli.

11. Aphuma amadoda akwaSirayeli eMizpa, awasukela amaFilisti, awabulala, esa phantsi kweBhetekare.

12. USamuweli wathabatha ilitye, walimisa phakathi kweMizpa neShen, wathi igama lalo yiEbhenezere;* wathi, Kude kwaba lapha uYehova esinceda.

13. Athotywa ke amaFilisti, akaba saphinda eze emdeni wakwaSirayeli; sachasana namaFilisti isandla sikaYehova yonke imihla kaSamuweli.

14. Yabuyiselwa kumaSirayeli imizi leyo abeyithimbile amaFilisti kumaSirayeli, ithabathela e-Ekron yesa eGati; nemida yayo ayihlangula amaSirayeli esandleni samaFilisti. Laxola ke phakathi kwamaSirayeli nama-Amori.

15. USamuweli waye engumlawuli kumaSirayeli yonke imihla yobomi bakhe;

16. ehamba iminyaka ngeminyaka, ejikeleza eBheteli, naseGiligali, naseMizpa, ewalawula amaSirayeli kwezo ndawo zonke;

17. ebuyela eRama, ngokuba yayikhona indlu yakhe. Wawalawula nakhona amaSirayeli, wákha isibingelelo kuYehova khona.

1 Usamuweli 7