8. Ngoko ke uze umenzele inceba umkhonzi wakho; ngokuba umngenisé emnqophisweni kaYehova umkhozi wakho lo nawe. Ke ukuba buthe bakho kum ubugwenxa, ndibulale wena ngokwakho; yini na ukuba undise kuyihlo?
9. Wathi uYonatan, Makube lee kuwe; ukuba ndithe ndazi kakuhle ukuba ubawo ugqibe kwelokuba ufikelwe bububi, ndibe ndingekuxeleli na?
10. Wathi uDavide kuYonatan, Hi, ukuba uyihlo ukuphendule kalukhuni, ndoxelelwa ngubani na?
11. Wathi uYonatan kuDavide, Hamba, siphume siye ezindle. Baphuma bobabini baya ezindle.
12. Wathi uYonatan kuDavide, Yehova, Thixo kaSirayeli! Xa ndithe ndamgocagoca ubawo malunga neli xesha ngomso nangomsomnye, kwabonakala ukuba kulungile kuDavide, ndaza andathumela kuwe, ndiyityhilele indlebe yakho:
13. makenjenje uYehova kuYonatan, makaqokele ukwenjenje. Xa kuthe kwalunga kubawo ukuba akwenze ububi, ndoyityhilela indlebe yakho, ndikundulule, uhambe unoxolo; uYehova makabe nawe, njengokuba ebenobawo.
14. Wanga ungáthi, ukuba ndisaphilile, undenzele inceba kaYehova;
15. ungàthi, ndakufa, uyinqumle inceba yakho endlwini yam nanini, ungènjenjalo nasekuzinqamleni kukaYehova iintshaba zikaDavide zonke ngazinye, ebusweni bomhlaba.
16. Wanqophisana ke uYonatan nendlu kaDavide, esithi, UYehova makakubuze ke oku esandleni seentshaba zikaDavide.
17. Waphinda uYonatan ukumfungisa uDavide ngokumthanda kwakhe; ngokuba ebemthanda njengomphefumlo wakhe.
18. UYonatan wathi kuye, Ngomso iya kuthwasa inyanga; ùya kubuzwa, ngokuba isihlalo sakho siya kuba sodwa.
19. Ngomhla wesithathu uze uhle kamsinya, uye kuloo ndawo wawuzifihle kuyo ngemini yomsebenzi lowa, uhlale ecaleni lelitye le-Ezeli;
20. ndizitolele ecaleni lalo iintolo zontathu, ndinge ndizixunela etekenini.*
21. Yabona, ndiya kumthuma umfana, ndithi, Yiya, uzithabathe iintolo. Ukuba ndithe kumfana, Nanzi iintolo, zinganeno kwakho, zithabathe: wòza wena; ngokuba koba kuluxolo kuwe, akukho nto, ehleli nje uYehova.
22. Ke ukuba ndithe kwindodana leyo, Nanzo iintolo zingaphaya kwakho: hamba, ngokuba uYehova woba ukundulule.