30. Wee guququ, wabheka komnye obemi ngakuye, wathetha kwaelaa lizwi. Abantu babuya bamphendula kwangelaa lizwi lokuqala.
31. Aviwa amazwi awawathethayo uDavide, axelwa phambi koSawule, wamthabatha.
32. Wathi uDavide kuSawule, Makungathambi ntliziyo yamntu ngenxa yakhe; umkhonzi wakho lo uya kuya alwe nalo mFilisti.
33. Wathi uSawule kuDavide, Akunakuya kulo mFilisti ulwe naye; ngokuba ùsemncinane, abe yena eyindoda eqhele ukulwa kwasebuncinaneni bakhe.
34. Wathi uDavide kuSawule, Umkhonzi wakho lo ebesalusa impahla emfutshane kayise, kwafika ingonyama nebhere,* yathabatha ixhwane emhlambini;
35. ndaphuma, ndayilandela, ndayibetha, ndalihlangula ixhwane emlonyeni wayo. Yesuka phezu kwam, ndayibamba ngodevu lwayo, ndayibetha, ndayibulala.
36. Umkhonzi wakho wayibetha ingonyama kwanebhere; lo mFilisti ungalukileyo uya kuba njengenye kuzo ke, ngokuba ungcikive izintlu zikaThixo ophilileyo.