1 Ookumkani 4:14-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. nguAhinadabhi unyana kaIdo, eMahanayim;

15. nguAhimahatse kwaNafetali: yena kananjalo wazeka uBhasemati, intombi kaSolomon, yangumkakhe;

16. nguBhahana unyana kaHushayi, kwa-Ashere naseAloti;

17. nguYehoshafati unyana kaParuwa, kwaIsakare;

18. nguShimehi unyana kaEla, kwaBhenjamin;

19. nguBebhere unyana kaUri, elizweni laseGiliyadi, ezweni lakwaSihon ukumkani wama-Amori, nelakwaOgi ukumkani waseBhashan; ekuphela komongameli obekwelo zwe.

20. AmaYuda namaSirayeli ebemaninzi, enjengentlabathi engaselwandle ukuba maninzi, esidla, esela, evuya.

21. USolomon ubelawula ezikumkanini zonke, ethabathela kuwo uMlambo,* naselizweni lamaFilisti, wesa nasemdeni weYiputa, zizisa iminikelo, zimkhonza uSolomon yonke imihla yobomi bakhe.

22. Ke ukudla kukaSolomon kwamininye bekungamashumi omathathu eekore* zomgubo ocoliweyo, namashumi omathandathu eekore zomgubo,

23. ishumi leenkomo ezityetyisiweyo, namashumi omabini eenkomo zasemadlelweni, nekhulu lempahla emfutshane, ewodwa amaxhama, namabhadi, namanqa, neenkuku ezityetyisiweyo.

24. Ngokuba ubenobukhosi kulo lonke eliphesheya kwawo uMlambo, lithabathela eTifesa lesa eGaza, kookumkani bonke abaphesheya koMlambo. Wayenoxolo ngeenxa zonke kuye.

25. Ahlala amaYuda namaSirayeli ekholosile, elowo ehleli phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, ethabathela kwaDan esa eBher-shebha, yonke imihla kaSolomon.

26. USolomon wayenamawaka amané emikhumbi yezitali zamahashe eenqwelo zakhe, neshumi elinamabini lamawaka amahashe akhwelwayo.

1 Ookumkani 4