5. Kananjalo wena ùya kwazi awakwenzáyo kum uYowabhi unyana kaTseruya, awakwenzayo kubathetheli ababini bemikhosi yakwaSirayeli, kuAbhinere unyana kaNere, nakuAmasa unyana kaYetere, awababulalayo, waphalaza amagazi emfazwe, lixolile, wabeka amagazi emfazwe embhinqweni wakhe obusesinqeni sakhe, nasezimbadadeni zakhe ezisezinyaweni.
6. Yènza ngokobulumko bakho, zingehli izimvi zakhe ziye kwelabafileyo enoxolo.
7. Ke koonyana bakaBharzilayi waseGiliyadi, uze wenze ngenceba, babe kwabadla etafileni yakho; ngokuba benjenjalo ukuza kum ekusabeni kwam ebusweni buka-Abhisalom, umkhuluwa wakho.
8. Ùyabona, únawe uShimehi unyana kaGera, umBhenjamin, waseBhahurim; yena wanditshabhisa ngotshabhiso olukhulu, mini ndaya eMahanayim. Yena ke wehla weza kundikhawulela eYordan, ndamfungela uYehova, ndathi, Andiyi kukubulala ngekrele.
9. Ngoko uze ungamenzi omsulwa, ngokuba ùyindoda elumkileyo wena; uze ukwazi oko uya kukwenza kuye; uzihlisele kwelabafileyo zinegazi izimvi zakhe.
10. Walala ke uDavide kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide.
11. Ke imihla abengukumkani kumaSirayeli uDavide ibingamashumi omané eminyaka; eHebron wayengukumkani iminyaka esixhenxe; eYerusalem wayengukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu.
12. Wahlala ke uSolomon etroneni kaDavide uyise; baqiniseka kunene ubukumkani bakhe.