16. Kungokunje ndicela nto-nye kuwe, uze ungandilanduleli.
17. Wathi kuye, Thetha. Wathi ke, Khawuthethe noSolomon ukumkani, ngokuba akayi kukulandulela, andinike uAbhishagi waseShunem, abe ngumkam.
18. Wathi uBhatshebha, Kulungile, ndokuthethelela kukumkani.
19. Waya ke uBhatshebha kukumkani uSolomon, ukuba athethe naye ngoAdoniya. Wesuka ukumkani waya kumkhawulela, waqubuda kuye, wahlala etroneni yakhe, wammisela itrone unina wokumkani, wahlala ke ngasekunene kwakhe.