3. Babalwa abaLevi, kwathatyathelwa kwabaminyaka imashumi mathathu bezelwe kwenyusa. Inani labo ngokweentloko zabo, indoda ngendoda, laba ngamashumi amathathu anesibhozo amawaka.
4. Kubo aba, abokongamela umsebenzi wendlu kaYehova baba ngamashumi amabini anamané amawaka; ababhali nabagwebi bangamawaka amathandathu.
5. Abamasango baba ngamawaka amané; abadumisa uYehova ngeempahla endazenzela ukudumisa, watsho uDavide, baba ngamawaka amané.
6. UDavide wabahlula bazizahlulo ngokoonyana bakaLevi, yanguGershon, noKehati, noMerari.
7. KumaGershon yanguLadan noShimehi.
8. Oonyana bakaLadan nguYehiyeli omkhulu, noZetam, noYoweli; bathathu.
9. Oonyana bakaShimehi nguShelomiti, noHaziyeli, noHaran; bathathu. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zikaLadan.
10. Oonyana bakaShimehi nguYahati, noZina, noYehushe, noBheriya. Ngabo abo oonyana bakaShimehi; bané.
11. UYahati wayengomkhulu, uZiza engowesibini; ke uYehushe noBheriya bebengenanyana baninzi; ngoko ke baba ludidi olunye, babalelwa kwindlu yoyise.
12. Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli; bané.
13. Oonyana baka-Amram nguAron noMoses. UAron watwetyulelwa ukuba angcwaliswe abe yingcwele kangcwele, yena noonyana bakhe, kude kuse ephakadeni; baqhumisèle phambi koYehova, balungiselele kuye, basikelele egameni lakhe kude kuse ephakadeni.