1 Izikronike 20:4-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Kwathi emva koko, kwaliwa namaFilisti eGezere; wesuka uSibhekayi umHusha wambulala uSipayi, obe engowoonyana bakaRafa; oyiswa ke.

5. Kwabuya kwaliwa namaFilisti. UElihanan unyana kaYahire wambulala uLami, umzalwana kaGoliyati waseGati, oluthi lwentshuntshe yakhe lwalungangomthi wabaluki.

6. Kwabuya kwaliwa eGati. Kwakho ndoda iyingxilimbela, eminwe neenzwane zazingamashumi amabini anané; imithandathu sandleni sinye, zintandathu lunyaweni lunye; nayo ibizalwa nguRafa.

7. Yawangcikiva amaSirayeli; wayibulala uYonatan, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide.

8. Abo bázalwa nguRafa eGati; bawa ngesandla sikaDavide, nangesandla sabakhonzi bakhe.

1 Izikronike 20