1 Izikronike 1:25-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. uEbhere, uPelege, uRehu,

26. uSerugi, uNahore, uTera,

27. uAbram (nguAbraham ke lowo).

28. Oonyana baka-Abraham nguIsake noIshmayeli.

29. Zizo ezi iinzala zabo: owamazibulo kuIshmayeli nguNebhayoti, noKedare, noAdebhele, noMibhesam,

30. uMishama, noDuma, uMasa, uHadade,

31. noTema, uYeture, uNafishi, noKedema. Ngabo abo oonyana bakaIshmayeli.

32. Oonyana bakaKetura, ishweshwe lika-Abraham: wazala uZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshbhaki, noShuwa. Oonyana bakaYokeshan nguShebha noDedan.

33. Oonyana bakaMidiyan nguEfa, noEfere, noEnoki, noAbhida, noElidaha. Bonke abo ngoonyana bakaKetura.

34. UAbraham wazala uIsake. Oonyana bakaIsake nguEsawu noSirayeli.

35. Oonyana bakaEsawu nguElifazi, noRehuweli, noYehushe, noYalam, noKora.

36. Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Omare, noTsefi, noGatam, noKenazi, noTimna, noAmaleki.

37-38. Oonyana bakaRehuweli ngooNahati, noZera, noShama, noMiza. Oonyana bakaSehira nguLotan, noShobhali, noTsibheyon, noAna, noDishon, noEtsere, noDishan.

39. Oonyana bakaLotan ngamaHori, noHonam; udade boLotan nguTimna.

40. Oonyana bakaShobhali nguAleyan, noManahati, noEbhali, noShefi, no-Onam. Oonyana bakaTsibheyon nguAya noAna.

41. Oonyana baka-Ana nguDishon. Oonyana bakaDishon nguHamran, noEshbhan noItran noKeran.

42. Oonyana bakaEtsere nguBhilehan noZavan noYakan. Oonyana bakaDishan ngu-Utse noAran.

43. Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani ubelawula oonyana bakaSirayeli; nguBhela unyana kaBhehore; igama lomzi wakhe liyiDinabha.

1 Izikronike 1