Uluka 9:29-43 Ibhayibhile (XHO96)

29. Kwathi ethandaza njalo, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nesambatho sakhe siqaqambile, simenyezela.

30. Kwavela amadoda amabini, uMosis noEliya, bathetha naye.

31. Babebengezela, baza bancokola naye ngokunduluka kwakhe okwakumele ukuba seJerusalem.

32. Ke kaloku uPetros nâbo babenaye basindwa bubuthongo, kodwa bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bukaYesu, bewabona naloo madoda mabini ayemi naye.

33. Ke akwahlukana noYesu la madoda, uPetros wathi kuye: “Ngxatsho ke ukuba sibe lapha, Mhlekazi! Masakhe amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.” (Watsho engayazi into ayithethayo.)

34. Kwathi ke esatsho, kwabakho ilifu elibagubungelayo. Boyika ke abafundi bakungena efini ooMosis.

35. Kwabakho nelizwi liphuma efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam onyuliweyo; mveni yena.”

36. Lakutsho ke elo lizwi, uYesu bambona seleyedwa. Abafundi bazigcina ezo zinto babezibonile, àbaxelela mntu ngazo ngaloo mihla.

37. Ke kaloku ngomhla olandelayo, xa babehlile entabeni, uYesu wahlangatyezwa sisihlwele.

38. Kwavela indoda esihlweleni apho, ikhwaza isithi: “Mfundisi, ndiyakubongoza, khawundincede ngonyana wam okuphela kwakhe.

39. Ùsuka ahlaselwe yindimoni, atsho ngesikhalo, aquleke, alephuze amagwebu. Uphatheka kakubi yile ndimoni, kube nzima ukwahlukana nayo.

40. Ndibabongozile abafundi bakho ukuba bayikhuphe, kodwa boyiswa.”

41. Waphendula uYesu wathi: “Sizukulwanandini esingakholwayo, esigwenxa, koda kube nini na ndinani, ndininyamezele? Mzise apha unyana wakho.”

42. Eseza ke, indimoni isuke yamhlasela watsho waxhuzula. Wayikhalimela indimoni uYesu, waphila umntwana, wambuyisela kuyise.

43. Batsho bamangaliswa ke bonke kukusebenza kwamandla kaThixo.Ke bonke babemangalisiwe zizinto zonke awayezenza uYesu; waza wathi kubafundi bakhe:

Uluka 9