Ujeremiya 47:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nali ilizwi *likaNdikhoyo elavakala kumshumayeli uJeremiya mayela neFilistiya ngaphambi kokuba ukumkani waseJiputa ahlasele iGaza;

2. lithi utsho uNdikhoyo ukuthi:“Khangela ukuvumbuluka kwamanzi ngasentlaatsho abe ngumdolomba oya kugubungela umhlabanako konke okukuwo,izixeko nabemi bazo.Abantu baya kukhala,batsho ngesijwili bonke abemi balapha.

3. Ngenxa yesingqi sokuphala kweembalasane zamahashe,nokugoqoza kweenqwelo,nokuxokozela kwamavili,ooyise babashiye enyanyeni abantwana,kuba izandla zabo ziwile.

4. Kaloku ufikile umhla wokutshatyalaliswa kwawo onke amaFilistiya,nokuphanziswa kwawo onke amasalela anokunceda iTire neSidon.Kaloku uNdikhoyo uza kuyitshabalalisa iFilistiyaelisalela lababevela kwisiqithi saseKafetori.

Ujeremiya 47