Kumagalati 3:6-14 Ibhayibhile (XHO96)

6. Kunjengoko *iziBhalo zitshoyo ngoAbraham ukuthi yena wakholwa kuThixo, waza ke uThixo wamenza ilungisa ngenxa yokukholwa kwakhe.

7. Nize niqaphele ke ukuba ngâbo bakholwayo abayinzala ka-Abraham ngenene.

8. IziBhalo zona kwangaphambili zakuphawula ukuba uThixo wozenza amalungisa iintlanga ngokukholwa. Zazivakalisa iindaba ezimnandi kuAbraham zisithi: “Ngawe uya kuzithamsanqelisa zonke iintlanga uThixo.”

9. Wakholwa ke uAbraham, waza uThixo wamthamsanqelisa. Ngokunjalo ke bonke abakholwayo banenxaxheba kwintsikelelo ka-Abraham.

10. Kanti ke abo bakholose ngokuthobela umthetho baqalekisiwe. Kaloku iziBhalo zithi: “Uqalekisiwe nguThixo lowo ungakuzondeleliyo ukuzithobela zonke iindawo ezisencwadini yomthetho!”

11. Kuyaqondakala ke ukuba akukho mntu ugwetyelwa nguThixo ngenxa yomthetho; kuba zithi iziBhalo: “Uya kudla ubomi lowo wenziwe ilungisa nguThixo ngenxa yokukholwa.”

12. Kambe ke wona umthetho awuthethi nto ngokholo. Koko, njengoko neziBhalo zisitsho: “Lowo uzalisekisa zonke iindawo zomthetho wophila ngawo.”

13. Kodwa ke uKrestu wasikhulula ekuqalekisweni okuza ngomthetho, ngokuthi yena aqalekiswe endaweni yethu. Kaloku zithi iziBhalo: “Uqalekisiwe nguThixo nabani na obulawa ngokuxhonywa emthini!”

14. Yonke le nto yayijonge ekubeni intsikelelo eyathenjiswa uAbraham nguThixo ize igqithiselwe kwiintlanga nguKrestu, khon' ukuze thina simamkele ngokholo uMoya owathenjiswa nguThixo.

Kumagalati 3