24. Waza ke umfazi lowo wabeka isali edonkini, wathi kwisicaka: “Ndikhokele, ungacothi ngaphandle kokuba kutsho mna.”
25. Ngoko ke waphuma waya kumfo wakwaThixo kwintaba iKarmele.Umfo wakwaThixo wambona esemgama, waza wathetha nehlakani lakhe uGehazi, wathi: “Uyabona, nankuya umShunemikazi esiza!
26. Yiya kumhlangabeza, ufike ubuze uthi: ‘Uphila njani? Usaphila umyeni wakho? Umntwana yena uphilile?’ ”“Hayi noko konke nje kulungile,” waphendula watsho.
27. Uthe ke akufika apho entabeni kumfo wakwaThixo wasuka wambamba ezinyaweni. Ke yena uGehazi wafuna ukumtyhiliza, kodwa ke umfo wakwaThixo wathi: “Hayi, myeke! Usengxakini ebuhlungu, kambe uNdikhoyo undifihlele, akandixelela ukuba kungenxa yantoni na.”
28. Umfazi lowo wathi: “Ngaba ndakha ndamcela na umntwana kuwe, nkosi yam? Ndandingatshongo na ukuthi: ‘Musa ukundinika ilize lethemba’?”
29. UElisha wabhekisa kuGehazi wathi: “Finyeza uxhabashe! Thatha induku yam, uhambe ngokukhawuleza, ubaleke. Umntu odibana naye ngendlela uze ungambulisi, nawe xa umntu ekubulisa, uze ungachithi ixesha ngempilo. Le nduku yam uze uyibeke phezu kobuso benkwenkwe leyo.”
30. Kodwa ke unina womntwana wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, ukho nje nawe, andiyi kuhamba ngaphandle kwakho.” Ngoko ke waphakama uElisha wamlandela.